
Phantse isahlulo sesithathu (63.9%) solutsha lwaseMzantsi Afrika sithethanje aluphangeli,1 kwaye akho manyathelo aneleyo athatyathwayo ukunikela uncedo olululo ekuphuculeni ubomi babantu abaselula abangakwaziyo ukufumana imisebenzi kweli kwiimarike zemisebenzi ezinokhuphiswano. Ukunceda ukulwisana nale ngxaki, uStar Bakeries ubambisene no-Enke, i-NGO ezinikele ekuxhobiseni ulutsha, ukuphuhlisa izifundo ezijoliswe kubafundi abafunda kumabanga aphantsi. Esi sicwangciso siye sanikelwa ngenkampu yeeholide ezele ulonwabo nekukhululekiweyo kuyo yabafundi abakumaBanga 5 ukuye kwele-7 eMdantsane naseKomani.
Unxibelelwano oluhle phakathi kokuba ngusomashishini ophumelelayo nokukhula koqoqosho akunakuphikwa. I-Yondla Ikamva Holiday Camp Programme ixhobise abantu abaselula abangama-400, ibafundisa ngokuba ngoosomashishini abaphumelelayo nendlela yokuqalisa ishishini, kulungiselelwa isizukulwana esilandelayo saseMzantsi Afrika sibe nempumelelo kwixesha elizayo. Ukubaluleka kokuxhobisa iingqondo zoosomashishini bethu abancinane kungundoqo ekudaleni nasekuziseni ubomi babo kubugcisa, iimveliso neenkonzo ezintsha ngokudala iimarike nemisebenzi emitsha njengokuba kusiyiwa phambili.
Umnikazi webrendi ye-Star Bakeries, i-Premier FMCG, ujolise ekukhuliseni nasekuhlumiseni abahlali kwiindawo asebenza kuzo. “Eli phulo linomdla wokwenza ifuthe elilelokwenene nelihlala lihleli kubomi babaselula baseMzantsi Afrika, libafundisa ngokuba ngoosomashishini nendlela yokuqalisa ishishini, konke oko kusenzeka kwindawo yokufundela enikeza inkxaso,” utsho njalo uJulian Singonzo, oyi-Managing Environmental, Social, and Governance Executive e-Premier FMCG. “Ezi nkampu zikwaququzelelwa ngootishala basekuhlaleni ukuze zixhase abahlohli abahlala kwezo ndawo ngomsebenzi owongezelelekileyo weeholide,” wongeza ngelitshoyo.
Inkampu yalo nyaka iqhubeke kangangeentsuku ezili-16, ukususela kwi-29 Juni ukuya kwi-06 Julayi eSunshine Guesthouse eMdantsane nange-10 ukuya kwi-17 Julayi e-The Gallery Guesthouse, Restaurant and Venue eKomani. Kwizicwangciso zeentsuku ezimbini kuye kweza abafundi abangama-50 ngexesha. Umongo wezifundo ubuthetha ngokuziqalela phantsi izinto, ubuchule bezezibalo obusisiseko, iziseko zezimali, ukuba ngusomashishini, kunye nokukhangela amathuba eshishini kwiindawo abahlala kuzo loo nto isenziwa ngendlela emnandi nebenza babandakanyeke.
“Lo ngunyaka wesibini esiye ngawo saqhuba i-Yondla Ikamva Holiday Camp Programme. Kunyaka ophelileyo le nkampu iye yaqhutyelwa eMthatha, kodwa kulo nyaka siye sanabisa ikhwelo lethu nebrendi ye-Star Bakeries ukuze sizise le nkampu nakubafundi baseMdantsane naseKomani. Sibone iziphumo ezimangalisayo kwaye bekukho abaselula abaye beza,” utsho njalo uSingonzo. “Abaselula baseMzantsi Afrika balikamva lethu – ukuba bayaphumelela, siyaphumelela sonke. Sinomdla omkhulu wokunika abafundi amathuba, ulwazi nenkxaso abayidingayo ukuze bakwazi ukuzixhasa, babe ngamalungu akwaziyo ukuthwala uxanduva phakathi koluntu abanyamekela iintsapho zabo baze bafak’ isandla kwiindawo abahlala kuzo,” wongeza ngelitshoyo.
Imisebenzi yemodyuli nganye inike abafundi ithuba lokuzuza, lokurhweba nokuthengisa kusetyenziswa uhlobo lwemali lwalapho enkampini, i-‘Star Bakeries Dough’. Abafundi bafumanise indlela yokusebenza kunye njengeqela ukukhulisa imali yabo, kwaye ekupheleni kosuku lwesibini lwenkampu, baye bakwazi ukuchitha loo ‘dough’ bayisebenzele nzima e-Star Bakeries Spaza Shop, apho bekukho intaphane yeemveliso nezinto ezinebrendi abebekhetha kuzo.
“Eyona nto ndiyithande kakhulu ngale nkampu ibikukuba, yho, kanti ndiyakwazi ukuyenza lento. Ndingazakhela ishishini ndize ndincedise ekuziseni utshintsho oluchulumancisayo kwikamva lam nakwindawo endihlala kuyo,” utsho njalo umfundi weBanga 7, uEntle Mali waseNowonga Primary School.
Izikolo ebezinenxaxheba beziquka i-Mdantsane Primary School, i-Nowonga Primary School, ne-St Lukes Primary School yase-Mdantsane. E-Komani, abafundi abavela e-Lonwabo Primary School, e-Unathi Mkefa Primary School, nase-Lukhanji Primary School nabo baye bathatha inxaxheba.
“Iqela le-Star Bakeries lingathanda ukubulela ootishala nabafundi abaye bazijul’ ijacu abenze inkampu yalo nyaka yaphumelela nebakhuthaze ukuba baqalise amashishini abo. Sikhangele phambili kunyaka ozayo nelinye ithuba lokuxhobisa abaselula boMzantsi Afrika ngolwazi, ubuchule namava okufunda ngokuba ngoosomashishini baze bazakhele elabo ikamva,” uqukumbela ngelitshoyo uSingonzo.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi nge-Star Bakeries ndwendwela,
Iimbekiselo
1. https://tradingeconomics.com/south-africa/unemployment-rate
CLICK HERE to submit your press release to MyPR.co.za.
Submit your Press Release for free to MyPR here: MyPR Free Press Release Submission.
